Phendula le mibuzo ilishumi ukuvavanya ulwazi lwakho kumyolelo

Phendula le mibuzo ilishumi ukuvavanya ulwazi lwakho kumyolelo - khetha kwiimpendulo eziboniswe ku-A, B okanye C kumbuzo ngamnye!  Imibuzo equlunqwe nguGreg Curtis yaza yaguqulelwa nguSivuyile Gungqisa

KHETHA A, B okanye C


UMBUZO 1: kufuneka ube umdala kangakanani phambi kokuba wenze umyolelo?

A) iminyaka engama-21 okanye ngaphezulu.

B) iminyaka eyi-16 nangaphezulu.

C) iminyaka eyi-18 nangaphezulu.


UMBUZO 2: Ukuba usweleka ngaphandle komyolelo, kwenzeka ntoni kwipropathi yakho?

A) Ipropathi yakho iya kunikelwa kuRhulumente.

B) Umfazi wakho uza kufumana yonke into ngokwe-Marriage Act ka-1961.

C) ilifa lakho liza kugqitywa ngokoMthetho waMafa, ka-1987 (uMthetho 81 ka-1987). Oku kuthetha ukuba ilifa lakho liza kwabiwa phakathi kweqabane lakho elisaphilayo, abantwana, abazali okanye abantakwenu ngokwendlela emiselweyo.


UMBUZO 3: Ngaba ndingazenzela eyam intando ngaphandle kokufuna iingcebiso zobungcali kwaye ukuba ndenza njalo ngaba intando yam iyakusebenza?

A) Akukho myolelo usebenza kuphela xa uyilwe ligqwetha.

B) Ewe, uMyolelo ungaqulunqwa ngumntu nje ongenalo ulwazi lomthetho kwaye usebenze ukuba uhambelana nayo yonke imigaqo efunwa ngumthetho *. - Bona ingcaciso apha ngezantsi.

C) I-drafti yomntu eyilwe ngumntu ongelilo iGqwetha kufuneka ivunywe yiNkundla ePhakamileyo ukuba isebenze.


UMBUZO 4: Ingaba ungaba nawo umyolelo odibaniseleyo kunye nomnye umntu?

A) Umdibaniselwano weLifa funeka ubonise ukuba xa kuthe kwasweleka umntu wokuqala kuso esosibini, okanye uba omnye uye walandela msinyane, lo ushiyekileyo angalenzi iLifa elitsha. Xa kuthe kwalandela lemiqathango, umdibaniselwano welifa ukhona kwaye usemthethweni.

B) Hayi ngekhe ube nomyolelo odibeneyo. Umyolelo wakho unokujongana nelifa lakho hayi elomnye umntu.

C) Ewe, kodwa xa ungumntu otshatileyo.


UMBUZO 5: Ukuba unempahla ekwilizwe langaphandle. Ingaba kufanelekile ukuba ube nomyolelo owahlukileyo malunga nezo izinto ezingaphandle okanye ngaba unganalo iLifa elinye elibandakanya zonke izinto zakho?

A) Hayi kufuneka ube neLifa ngokukodwa kwilizwe ngalinye onepropathi kulo.

B) Kuyacetyiswa ukuba umntu abhale ngelifa lakhe elahlukileyo yingcali yomthetho ofanelekileyo welizwe ngalinye apho anempahla khona kuba umthetho wokulandelelana kunye neenkqubo ekufuneka zilandelwe ngokubhekiselele kulawulo lwempahla ziyahluka ngokwamazwe ngamazwe.

C) Ewe umyolelo omnye uya kwanela yonke ipropathi nokuba igcinwe phi.


UMBUZO 6. Ngaba kunokwenzeka ukuba ushiye indlu yakho ebantwaneni bakho kodwa abe uNkosikazi wakho enelungelo lokuhlala kuyo lendlu yakho?

A) Hayi kuya kufuneka ukhethe ukuba ushiye impahla yakho engenakushenxiswa ngabantwana bakho okanye wena mfazi.

B) Ewe, kodwa iqabane lakho liya kudinga ukuhlawula inxenye yentengo yendlu kubantwana kwizabelo ezilinganayo.

C) Ewe oku kunokwenzeka. Umyolelo kumlingane wakho uya kuba ngowaziwa ngokwasemthethweni njengenzala encinci (njengokusebenzisa). Itayitile yobunini bepropathi engenakushenxiswa inokuba nesalathiso senzuzo encinci ukwenzela ukuba abantwana bakho bangabinakho ukulahla ipropathi ngaphandle kwemvume yeqabane lakho.


UMBUZO 7: Yintoni itrasti yetestamente?

A) Itestamente yitrasti eyenziwa ngumntu esaphila.

B) Itestamente yitrasti esekwe ngokubhalwa ngumntu esaphila iyalela okuku gqibela. Injongo zayo kukutyumba umntu ukuba alawule iiasethi egameni labaxhamli betrasti.

C) Itestamente yetrasti yenzelwe iinjongo zomnikelo kuphela.


UMBUZO 8: Umntu owohlula ilifa lomntu ongasekhayo ukuze abhatalwe wenza ntoni?

A) UMthetho woLawulo lwa Mafa umisela umrhumo olingana ne-3.5% yexabiso le Lifa, kunye neKhomishini ye-6% kuyo yonke ingeniso eqokelelweyo ngumabi-lifa ukusukela kumhla wokufa ukuza kuthi ga ngokugqitywa kwe Lifa. Le ntlawulo inokutshintsha kwiimeko ezithile.

B) UMthetho woLawulo lwa Mafa umisela umrhumo olingana ne-3.5% yexabiso le Lifa, kunye neKhomishini ye-6% kuyo yonke ingeniso eqokelelweyo ngumabi-lifa ukusukela kumhla wokufa ukuza kuthi ga ngokugqitywa kwe Lifa. Le ntlawulo ayinako ukutshintsha kwimeko ezithile.

C) UMthetho woLawulo lwa Mafa umisela umrhumo olingana ne-6 %yexabiso le Lifa, kunye neKhomishini ye-3.5% kuyo yonke ingeniso eqokelelweyo ngumabi-lifa ukusukela kumhla wokufa ukuza kuthi ga ngokugqitywa kwe Lifa. Le ntlawulo inokutshintsha kwiimeko ezithile.


UMBUZO 9: Uyintoni umyolelo wokuphila?

A) uxwebhu olutyikityayo lokuba awunqweneli kugcinwa uphila ngeendlela ezingezizo okanye kwenziwe inzame zokuba ugcinwe usaphila kube kungekho themba lokuba uyakuphinda uphile impilo eqhelekileyo.

B) Uxwebhu oluchaza indlela ezilawulwa ngayo izinto zeshishini lakho emva komhla wokufa kwakho.

C) Ukongezwa kumyolelo uchaza, uguqula, okanye urhoxise umyolelo okanye inxenye yawo.


UMBUZO 10: Ingaba umyolelo owenziwe ngokwe elektroniki ngokusemthethweni eMzantsi Afrika?

A) Hayi, umyolelo mawusoloko ubhalwa / uprintwe kwikopi eprintiweyo ukuze usebenze.

B) Inkundla ingayalela ukuba umyalelo we-elektroniki yamkelwe yi-Master nangona ingahambelani nayo yonke imigaqo yokuqhutywa okanye yokulungiswa komyolelo kodwa kwiimeko ezingqongqo.

C) Ewe, umyolelo we-elektroniki yinto eyamkelekayo futhi efanelekileyo kumyolelo.


IIMPENDULO:

1B, 2C, 3B, 4A, 5B, 6C, 7B, 8A, 9A, 10B 

Inqaku:

7-10 iimpendulo ezichanekileyo: Akukubi! Uvakala njengomntu ocwangcisiweyo! 😊

1-5 iimpendulo ezichanekileyo: Hmmm. Kanye njengokuba wenze imibuzo yethu! 😊


  

* Iimfuneko zomyolelo obhaliweyo

Umnini-Lifa kufuneka abeneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu ngexesha enza ngalo iLifa, kwaye kufuneka abe ngumntu oyiqondayo into ayenzayo.

1.  Umyolelo kufuneka ubhalwe phantsi. ungawubhala ngesandla okanye iprintwe kwaye kufuneka icace gca ukwenzela lula ukuwufunda.

2. Umyolelo mawusayinwe nguMnini-Lifa ngokugcweleyo apha ngezantsi okanye kufutshane kangangoko kumgca wokugqibela woxwebhu elo alibhalileyo.

3. Umyolelo mawusayinwe nguMyoleli phambi kwamangqina amabini aselungelweni ngokwe minyaka. Kufuneka abe sendaweni enye amangqina amabini kunyi nomnini Lifa ngexesha lokusayina.


Previous
Previous

November Newsletter: Community Scheme Disputes

Next
Next

Meet our team: Interview with Sivuyile Gungqisa