VEKI YOKWENZA ILIFA LAKHO MAHALA KA-2021:SINGAKWENZELA ILIFA LAKHO eSAI - SIMAHLA

Ukuba awunalo iLifa olenzileyo, akukho xesha lingcono lokulungisa indlu yakho ngaphandle kweVeki yeSizwe yokwenza iLifa lakho simahla, ebanjwa phakathi kwe 13 uyokutsho kwi 17 ka September 2021 kulo nyaka. 

pexels-cytonn-photography-955389.jpg

 YINTONI IVEKI YIKWENZA ILIFA

Le Veki yeSizwe yokwenza iLifa zinzame zokwandisa ulwazi ngokubaluleka kokuba nomyolelo osemthethweni, kwaye inika iiNkampani zamaGqwetha zaseMzantsi Afrika ithuba lokubuyisela kuluntu lwaseMzantsi Afrika ngokunikezela ngamava okwenza iLifa elisisisekelo. 

Iqela elinamava e-Scheibert & Associates Inc Attorneys liphinde lavolontiya ixesha labo kunye nobungcali bokwenza iLifa lakho… ngaphandle kwentlawulo!

KUTHENI KUFANELE UBE NELIFA

Ubhubhane weCorona usikhumbuze sonke ngokuba singhabantu sinako ukufa. Nangona kungathandeki, kubalulekile ukuba siqwalasele okuza kwenzeka kubantu esibathandayo nakwimpahla yethu emva kokuba siswelekile.

Ukuba awushiyanga ngasemva iLifa elihambelana[1] noMthetho impahla yakho iya kwahlulwa ngokwe-Intestate Succession Act - okuthetha ukuba xa ungasekho awuzukuba nawo amandla okuthetha kwaphela kwinto eyenzekayo kwimpahla yakho xa usweleka.

Umyolelo uya kukunika ithuba lokuqinisekisa ukuba abo ubathandayo bayahoywa ngeyona ndlela ifanelekileyo emva kokuba uswelekile.

Umyalelo obhaliweyo kakuhle uyakunceda ukuthintela ukungavisisani phakathi kwabathandekayo bakho malunga nezinto zakho ozishiya ngasemva.

KUTHENI UFANELE UKUHLAZIYA UMYALELO WAKHO

Kubalulekile ukuba ube nomyolelo, kodwa kufuneka uqinisekise ukuba umyolelo wakho uyaqhubeka nokuzihlaziya iinguqulelo ebomini bakho. Umzekelo, ukuba uyatshata okanye unabantwana Umyolelo wakho mawenziwe uhlaziyeke ukuze la malungu osapho matsha axhamle kwilifa lakho.

Kwananjalo, ukuba uthenga into entsha, umzekelo indlu- kuya kufuneka uhlaziye umyolelo wakho ukuze i-asset yakho iphathwe kakuhle ngendlela onqwenela ngayo mhla ungasekho.

BOOKISHA INTLANGANO YAKHO NATHI NGOKU

IVeki yeSizwe yokwenza iLifa lakho isondela ngokukhawuleza. Fumana ixesha lokudibana nathi simahla ngokukhetha umhla we ntlangana ngoku lisekhona ithuba

Nceda unxibelelana nathi eScheibert & Associates Inc Attorneys eKapa kule nombolo 021-422-0660 okanye usithumelele i-imeyile apha scheibert@scheibert.com.

IZINTO EKUFUNEKA UZIPHATHE

Khumbula ukuza noku kulandelayo kwindibano yakho:

  • Isazisi sakho;

  • Uluhlu lwezinto zonke onazo (kubandakanya izinto zobuqu onqwenela ukuzishiya kubantu abathile);

  • Ixabiso lento nganye eyeyakho; kwaye

  • Uluhlu lwabantu onqwenela ukubashiyela izinto kumyolelo wakho.

  • Sicebisa ukuba ucele ikopi yoluhlu lwethu xa usinxibelelana nokwenza idinga Iya kukunceda ekulungiseleleni ukuqeshwa kunye nathi.

[1] Act 81 of 1987.

Previous
Previous

Test your knowledge of South African law by taking this Wills Week quiz

Next
Next

National Wills Week 2021